34 BONA XHOSA - JuIy 1 999

Kwakhiwa ubuhlobo obonakalisiweyo - Amalungu eNational Widows Forum amilisel ingqondo kokuqhubekayo: (ukusuka ekhohlo) nguJulia Motlhame, uMosiki Hlongwane noLydia Kganye.




Elinye ilungu eliselula, uThuli Hlophe, onama-33 waseSoweto, usibalisela ibali lakhe athi umyeni wakhe waswelekela elubhacweni eAngola xa imoto awayehamba ngayo yadlabhuza isiqhushumbisi. Uzaze ukuba ungumhlolokazi ngo-1995, emva kweminyaka esibhozo umyeni wakhe waswelekayo emva kokubuza  kwiiofisi ezinkulu zeAfrican National Congress eShell House.
Nangona umazala endixhasa ngoku, kuqala usapho lwakowabo lwalungandifuni, utsho uThuli. Bazi ngokusweleka kwakhe ngaphambi kwam kodwa abazange bandixelele.
lindaba zokusweleka kwakhe zandibetha kakhulu ndagqityezelwa kukungafunwa. Kodwa ukusukela oko ndajoyina Io mbutho ndiziva ndingumntu kwakhona njengoko ndinabantu abandamkela njengoko ndinjalo. Bafana nosapho Iwam.
UHlophe onabantwana abathathu ngoku ungumncedi wesebe lalo mbutho waseSoweto.
enye into yeyokuba amalungelo amabhinqa angamalungelo abantu
akwangamalungelo abahlolokazi, ugxininisa atsho uMaggie. lnjongo zethu ezibalulekileyo kukuvula iqonga Ioncedo kubahlolokazi ukuze bakwazi ukuvakalisa intlungu yabo, babelane ngezimvo, babafundise babazise ngamalungelo abo, babanikeze inkxaso, baxhobise abahlolokazi ngamakhono okumelana bavule amaziko okunceda uluntu apho abahlolokazi banokufumana uncedo abalufunayo.
Singathanda abahlolokazi bazi ukuba siyavelana nabo. Singathanda ukugcina nokubuyisela isidima sabahlolokazi abasentlungwini abalahliweyo ngexesha elibuhlungu abafuna ngalo inkxaso.
Nangona ndilihlonipha isiko lethu, andinaxesha lesiko elithoba isidima neliphatha gadalala amabhinqa abekwa ityala ngenxa yobuhlolokazi, azibona sele engamaxhoba ngenxa yeemeko angazenziyo. Abantu basebenzisa isiko ukucinezela abahlolokazi. Abazi ukuba isiko Iiyatshintsha-tshintsha, alimanga ndawonye.
UMaggie uthi balwa nedabi elinzima
yamalungelo abahlolokazi kwinkomfa yamaBhinqa engundaba-mlonyeni yaseBeijing ngo-1995, utsho uElizabeth Masilela ongusihlalo.
Isebe lethu linamalungu abhahsiweyo angama-260 nabahlolokazi basoloko besiza kwam ukuza kufuna ingcebiso kwiingxaki ngeengxaki. Ziquka abantwana abakhupha oomama babo ezindlwini besithi zezootata babo kwaye kufunuke badle ilifa. Udaba lwendlalifa yenye ingxaki enkulu, utsho uElizabeth, umongikazi osele esidla umhlala-phantsi okungoku osebenza njengomgwebi wakwamantyi eBafokeng.
Sikwinkqubo yokwakha iofisi yengcebiso ngenxa yoku ba abahlolokazi batuna umntu oza kubanceda bamelane neengxaki zabo imihla ngemihla. Sele siqale iphulo lokwazisa abantu ukuze sifundise uluntu ngamalungelo abahlolokazi ngethemba lokuba ibala lobuhlolokazi liza kuphela. Sidibana namalunga ebhunga kwiingingqi ezahlukeneyo kulo mba. Ngethamsanqa, umba wethu uphethwe nguMama kaKumkanikazi, uSemane Bonolo Molotlegi, ongumqambi walo mbutho.
U-Elizabeth wongeza athi enye yezinto ezifundisa abantu ngokubaluleka kokwenza imiyolelo kwamadoda ukuze bathintele iingxaki ezizayo. UMaggie uyavuma ukuba kubalulekile kumabhinqa atshatileyo ukuba azi bangabahlolokazi .kwaye kufuneka bancede iforum ifezekise iinjongo zabo.
Nangona kumangalisa ukubona abantu bengayamkeli into yokuba abahlolokazi kufuneka banikwe imbeko enkulu ngenxa yokuba bagcina izithembiso zomtshato bakohlukaniswa kukufa. Bafanele ukudunyiswa endaweni yameva abawafunayo. Kufanele bahlonitshwe endaweni yokuba benziwe amakheswa.
BANGABAHLOLOKAZI KODWA 
APHO
UNOKUFUMANA
KHONA UNCEDO
ESoweto: elpelegeng Community Centre,
ukusukela ngentsimbi ye-1O kusasa ukuya kweye-3 malanga, ngbLwezibini kuphela, (01 1) 982-581 0, okanye emva komsebenzi:
uLydia Hamarumo, (011) 936-4521
Eklerksdorp:	uMaggie Nkwe, (01 8) 462-5530
ERustenburg:	uElizabeth
Masilela, (014) 566 -3257
lokutshintsha iingqondo zabantu. Ngawo lo mzuzu bazama ukuqinisekisa ukuba umthetho olwa ukuxhatshazwa nokucinezelwa kwabahlolokazi uyawiswa kwindlu yowiso mthetho ePalamente. Bakwanxibelelana nemibutho ngemibutho enjengeHuman Rights neNICRO.
Oyena mgama siwuhambileyo kuxa besimisela isebe eRustenburg apho kusabanjelelwe kwimithetho yoluntu, utsho uMaggie. Sivuye kakhulu ukoyisa unkosikazi kaNkosi waBafokeng, uMmakgosi Semane Molotlegi, owayekhona ngelixa sasimisela 10 mbutho eSoweto.

K
 UTSHANJE iBONA ibe nethamsanqa lokuzimasa enye yentlanganiso zikazwelonke yabahlolokazi eLegato, ikornkhulu likankosi weBafokeng ePhokeng kude kufuphi naseRustenburg. Eli sebe laqanjwa nguDikeledi Matshupe ongasekhoyo owayezimase indibano
YEENYOKA!
Xa umhlali waseHebron esiva kukho into ethi Hisss
ucela kwabasicatyana acele izinyanya zakhe
zimkhusele esazi ukuba usengalixhoba leenyoka ezihlasele le dolophana encinane esemantla ePitoli
kude kufuphi naseMabopane
kwiPhondo lwaseMntla-Ntshona.
Abahlali baseHebron baphila
ubomi bentshontsho. Bonke
bahlaselwe luloyiko olungathi
lusisifo esosulelayo. linyoka zihlala zibalindele emva kwalo naliphi na ihlahla nelitye nasekhabhathini yasekhitshini.
Wonke umntu unomntu amaziyo okhe watyiwa yinyoka kwaye ingaphezulu kwama-75 imizi ekhalela izihlobo zayo ezabulawa ingakumbi ngamaphimpi abulalayo aseMozambique. lziphumo zezokuba iHebron iya ibayidolophu eyoyikekayo nebalekwayo
AbahlaIi baseHebton bayavutha ngumsindo noloyiko ngenxa yeenyoka ez!nobungozi
ezenze abantu abaninzi babaleka
kumakhaya abo.

kubalisa kukwafote uMATTHEWS MPETE
UTshegofatso Boikhutso ubonisa indawo eyaxomolozelwa inyama engalweni yakhe emva kokuba elunywe yinyoka.
lphimpi laseMozambique ngoku eliseTaronga-Num Snake Park, kuthiwa Illume abantu abathathu.
.BAPHILA
OBENTSHONTSHO
NGENXA
UMatome Nkosi ephumlise umlenze wakhe opholayo ebhedini apho elunyelwe khona liphimpi.

y
BONA XHOSA - July 1999 37
ndeva uTshegofatso elila emva koko ndeva umntakwabo uKabelo ekhala esithi kukho inyoka esendlwini, utshilo umama wakhe uKgolo, iinyembezi zisihla ebusweni bakhe.
UTshegofatso waleqiswa kwiklinikhi yabucala eMabopane ukuya kufumana unyango kodwa usaziva iintlungu kwisilonda eyamluma sona.
UTshegofatso ubekwimeko engaginyisi mathe apha, utsho uGqr. Meshack Ntlhe. ltyhefu yenyoka inobungozi kakhulu kwaye bubulala
ngabahlali ngenxa yeenyoka ezinganqandekiyo.
Besisoyika rhoqo ebusuku xa siyolala - phantse onke amaxhoba ebelunywa ziinyoka elele, utsho uKudu Leebetsa ekungoku nje ofudukele elvory Park eJohannesburg. Xa silala besingazi nokuba sakuphinde sivuke na.
Usapho lwam lugqibele selurhanela ubugqwirha ngenxa yendlela inyoka
ebezisitya ngayo abantu. Ndigqibe kwelokuba ndifuduke ndiye
		kwenye indawo ebhetele
	.	 - andinakuphinda
ndiye kuhlala eHebron ngaphandle kokuba ndiyatyelela.
Ukudu akavumanga ukufotwa ngenxa yoloyiko lokuphathwa gadalala ngabahlali baseHebron abasadlalisa ngobomi babo ezinyokeni. Kodwa kuvakale ukuxhalaba koluntu kule lokishi ukusukela oko abamelwane ababini, uTshegofatso Boikhutso oneminyaka emine noMatome Nkosi onama-22 em inyaka, kuthiwa balunywe ngobusuku obunye yinyoka enye enobude obumalunga nemitha.
Ngentsimbi yesibini kwakusasa
ixhoba ngemizuzwana eli-30 emva kokuba iilunyiwe. Nokuba uyamsindisa uniguli, sonke isihlunu esikufutshane nendawo elunyiweyo sitshatyalaliswa yityhefu.
Nangona evuke kwangoko akuva unyana wakhe ekhwaza, uKgolo khange ayibone ukuba itshone phi inyoka,
lbalekile yafumana indawo yokuphuma yanyamalala engceni. Bendingazi ukuba iza kubaleka iye kuluma ixhoba lesibini. UKgolo khange arhanele ukuba ummelwane wakhe uza
38 BONA XHOSA - July 1999
kulunywa yinyoka, ngelixa ethandazela ukuba oogqirha basindise ubomi bentombi yakhe.
Ndithe ndilele ezinzulwini zobusuku ndeva iintlungu ezingaqhelekanga emlenzeni, utsho uMatome Nkosi, ebonakala othukile lolu hlaselo. Ndithe xa ndijonga ndafika umlenze wam ugqunywe ligazi. Bekubonakala imingxuma emibini emi ncinane edumbileyo. Sikhangele into enokuba indityile nomntakwethu saza sabona inyoka ende endlwini - siyibulele ngomhlakulo saza sayitshisa.
UNkosi waya esibhedlela eOdi ukuya kufumana unyango, apho wafika kwaxokomezelwa inyama kwindawo alunywe kuyo yinyoka. Wothuka njengoKgolo ngentsasa elandelayo akuva ukuba yena noTshegofatso batyiwe yinyoka enye.
Abanye abantu njengomama kaKgolo abazi nokuba ubugqwirha buyabandakanyeka na kolu hlaselo. Abanye babeka ityala kwiTaronga-Num Snake Park, eqhutywa ngumlondolozi weenyoka uAbel Manamela owaphuma kwiBONA kaJulayi ngo-1998 nowaphenjelelwa ngutata wakhe ekuthandeni izilwanyana ezirhubulazayo.
UManamela uzama kangangoko enako ukwahlukanisa iinyoka nabantu uze bakhuseleke. Ukholelwa ekubeni iinyoka mazingabulawa ngokungenalusini, uthi zifanele zibanjwe zigcinwe kwiziko lweenyoka. Kuthiwa eMabopane Block UX kukho umntwana otyiwe liphimpi laseMozambique, kwabizwa uManamela lusapho, wabamba inyoka
BAPHILA OBENTSHONTSHO NGENXA
YEENYOKA!
wayigcina ngokukhuselekileyo eTaronga-Num Snake
Park.
Amalungu ambalwa oluntu lwaseHebron azimisele ukutshabalalisa iinyoka kuloo ndawo kwaye ayancendisa ekupheliseni lo bhubhane weenyoka. Omnye ozinikezeleyo, uJohnny Lekgoe wommandla okufutshane waseErusmus, uthi sele kuyiwe emagqirheni ukuze ancede ekuchazeni ukuba ezi nyoka zibangelwa yemimoya ethile na nokuba yinto ezenzekelayo.
Amagqirha athe ukuba kukho abantu abasebenzisa iinyoka ukuthakatha abanye abantu kodwa nangona kunjalo iHebron igcwele iinyoka ezingaqhelekanga, utsho uJohnny. Sifumanise ukuba iinyoka zisehlathini. Sicinga ukuba ezininzi zichitha ixesha elininzi ngaphandle kwemingxuma yazo ngenxa yobushushu basehlotyeni. UManamela ukholelwa ukuba abahlali baseHebron akufanelanga bavumele boyikiswe emakhayeni abo.
linyoka zam zigcinwe kakuhle kwaye ndiyaqinisekisa ukuba azibaleki ziphathe kakubi abahlali, utsho. Phofu ke awunakuthi bubugqwirha okanye ayisibubo, kuba ke lweyo yinkolelo endala. Ngoko siza kucela urhulumente angenelele asincede ngogandaganda ukuze kupheliswe ihlathi - kwaye masithembe ukuba akukho mntwana uya kuphinde alunywe yinyoka apha. 




Mthande
ummelwane wakho? -incutshe yeenyoka yalo mmandla uAbel Manamela ufuna ukunceda abantu neenyoka.





Bezifaka engozini -abancedisi bakule ngingqi bancedisa uManamela ekunqandeni ukwanda kweenyoka kule ndawo.
